Next Journalism + writing teaching jobs

Job Opening: Umhleli (Associate Editor) - University of Fort Hare

IZIKO LESIZWE LOCHAZO-MAGAMA LESIXHOSA

ISIXHOSA NATIONAL LEXICOGRAPHY UNIT

IZiko leSizwe loChazo-magama lesiXhosa lizinze kwiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni likhangela

UMHLELI (ASSOCIATE EDITOR)

(umvuzo uwonke: R233,886 – R350,828)

Iimfuneko zemfundo: Isidanga okanye isidanga seMastazi kwezolwimi, ezinxulumene nolwimi, isigama okanye uchazo-magama ngakumbi isiXhosa njengesona sifundo siphambili.

Injongo zesi sikhundla: kukuhlela iimanyuskripti kusetyenziswa ubugcisa nobuchule kwiinkqubo zokuhlela kunye nokulawula ukuveliswa kweemanyuskripti ngobuchwephesha beekhompyutha.

Izakhono eziyimfuneko: ukucwangcisa nokulawula iinkqubo zokuhlela kunye neqela labahleli; ukuphuhlisa iinkqubo zokuhlela kusetyenziswa iinkqubo zekhompyutha; ukulawula ukuveliswa kwezichazi-magama; ukuvelisa imigaqo-nkqubo kunye nendlela emayilandelwe kwiindlela zokuqokelela nokuchaza amagama; ukuvelisa uphando-nzulu kwiindlela zokuphuhliswa kwesiXhosa kusetyenziswa izichazi-magama kunye nokumisela iziko lemithombo yolwazi ngamagama esiXhosa.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe, ungaqhagamshelana noMnu. Julius Dantile kwezi nombolo: (040) 602 2672.

Thumela isicelo sakho kunye ne-CV kuSihlalo, uMnu. M-W. Jadezweni, Board of Directors, IsiXhosa National Lexicography Unit, University of Fort Hare, Private Bag X 1314, Alice, 5700 okanye ngefeksi: (086) 627 6719 okanye nge-imeyili: jdantile@ufh.ac.za. Umhla wokuvala: 31 kweyoKwindla 2011.

editorial, south africa literature, and more:

Job Opening: Umhleli (Associate Editor) - University of Fort Hare + writing teaching jobs